IBALI LIKA SIPHAMANDLA JAMANI


Igama lam ndinguSiphamandla Jamani. Ndizalwa yintombi engasekhoyo uNombuzo Jamani noKhaliphe Mona. Amabanga amaphantsi ndiwenze eIsibane J.P. School, aphezulu amabanga ndawenza eNyameko High School ndaze ndayogqibezela eBuffalo City TVET College apho ndiphume khona ndayofunda eMdantsaned Youth Academy phantsi komama uGelebha ndisenza izifundo zeHome-Based Care.

Ndizakuthetha ngenkubazeko kengoku, uMama noTata bandixhasile kakhulu kunye nootitshala bam babengenayo into yokuba ndikhubazekile babendibetha njengabanye abantwana, otitshala bam babenento yokuba ndikhubazekile kodwa andikhubazekanga ngengqondo. Intanga zam zinde kunam kwaye abanye babenayo into yokundidelela kwaye kuba ke ndingengomntu otyhafileyo nozisizelayo bendisithi ukuba ndihamba nabo bebade kum ndizixelele ukuba nam ndimde ngoku ndizaziyo ukuba ndimfutshane. Ekuqaleni ndandingenayo indlela yokuzimela ndizoyikisela ndade ndafikela kwinto ethi ndiyazilibazisa kwaye xa ndingazozithanda ndizamnkele indlela endidalwe ndayiyo ndizothandwa ngubani? Kumele kuqale mna  ndizithande, ndizithembe kwaye ndizamnkele ndizixelele ukuba le meko ndikuyo ayizokujika kwaye ndizixelele nokuba indlela inye yeyokuba ndizidle ngenkubazeko yam noba abanye sele bendijongela phantsi, ndingabahoyi ndizixelele ukuba mna ndinguSiphamandla kwaye ndiphila nenkubazeko, ayikho ke kwananjalo into endinothi ndifuna yenzeke ingenzeki futhi ke kufuneka ndingazeyi ndingabinazo ingcinga zokuba ezinto ezithile andinokuzenza ngenxa  yokuba ndiphila nenkubazeko ngokuba kaloku inkubazeko yam ayicinezelanga inqondo yam qha nje sisimo naso ekumele ndisamnkele mna kuqala phambi kokuba ndifune abanye abantu bandamnkele, noxana ndiphambi kwabantu ndizithande ukwenzela ukuba nabo abantu bazondithanda.

Ndiye ndakhonza kwibandla laseAssemblies of God apho ndandingena khona kwisikolo soqeqesha abantwa (Sunday school). Ndikhule ndingumntu othanda ucula, bendingabinazo nentloni zohlabelela kwaye bendiyiphila inkonzo kodwa ekuhambeni kwexesha ndawelwa ngumqa esandleni ndafikelela kwixesha lokuba ndifikise. Ekhaya babengayamnkeli lonto kwaye besithi abafana bazondixhaphaza, baye bahlala nam phantsi bendibonisa isigaba sokufikelela ebuntwini onudala. Ndaye ndacelwa ukuba ndibize iqabane lam, yabe ke lento ingekholula kum kodwa ndaphela ndilibizandalazisa ekhaya nalo layondazisa kokwalo. Abazali bakhe baye bothukabebuza ukuba kutheni umfana ejola nabantwana ngenxa yokuba bebona isithombo sam kodwa baphela bendamnkela.

Ekuhlaleni ndaziwa ngegama elithi Lima Norobotsi abanye banako ukundidelela ngenkubazeko yam kodwa ke abanye bandihloniphile kuba benentetha ethi ndingumntu ophoxayo. Ewe ndiyadibana nezinto ezifana nocalucalulo umzekelo xa kufuneka ndingene kwindawo zolonwabo kuthwe iminyaka yam ingaphantsi, bambi bade bolathisane ngam kodwa ke ndiye ndingabanaki ngoba ndingulomntu ndinguye kwaye mna ndiyaphambili ayikho nenye into enondenza ndizive ndithezeke amandla ngenxa yenkubazeko yam, ngokuba ndiyayazi ukuba ndidaliwe andizenzanga kwaye akukho nenye into endingayenziyo eyenziwa ngabantu abade kunamkuba ndiye ndizingce ndizixelele mandibeke inkubazeko yam ngemva ndijongane nqo nalento ekufanele ndiyayenza.

Ndiyambulela uThixo ngokundidibanisa nomama uLulama Galeba ngokuba isakhono sokuba ngumongikazi ndiye ndasifunda kuye kwaye indlela endandizeya ngayo ndizibuza ukuba ingaba ndingakwazina Bawo ukuwenza lomsebenzi ndikulemeko yokubamfutshane. Ndifundile ndagqiba ndaya nakwiPracticals wabe emile umama uLulama esithi “mntwana wam eli lithuba lakho shiya inkubazeko ngasemva uzixelele uzakuyinqoba lemfazwe” kwaye ndayinqoba ke manyani. Ndiye ndikhuzwe nazizigulane zindibuze ukuba ndisancedisa njani? Ndivele ndincume kuba into ingaphakathi kum kunye nothando lwalento ndiyenzayo ayikho sekukhubazekeni kwam. Ndixelengile kwindawo ezifana neSilver Crown Old Age Home. Okwangoku ngenxa yokunqongophala kwamathuba emisebenzi ndisahleli kwaye unqweno wam kuphinda ndifumane isithuba somsebenzi kuba ndiyawuthanda umsebenzi wam.

Umyalezo endizawuthi ndiwudlulise kuthi bantu abaphila nenkubazeko kukuba masifundeni ukuzithanda bantwana basekhaya. sizixabise,sizithembe,singazeyi,nakweyiphi nah imeko, singazisiseli okanye sizisengele phantsi kuba sizixelele ukuba akhonto sinokwazi uyenza. Ayikho lonto ngoba siyafana nabo bonke abantu ntonje sineziphako esibonwa ngazo zenkubazeko. Ndibulela usapho lwasekhaya ngokukundamnkela ndinje kuba nam ndithe ukuze ndikwazi uzamnkela ndamnkelwa ngabo. Ndahlala nabo kuqala ndazibona ndilulutho ekhaya nasekuhlaleni.

Abazali bam baneqhayiya nebhongo ngam, zange kuthi ukuzalwa kwam kubelilize kubo ngoba soloko benam ngamxesha onke ndade nam ndayintombi endala ezithandayo bade bathi bona ekhaya mna ndiyingwe kuba ingwe izidla ngamabala ayo kuba ndingumntu ozidlayo ndide ndizilibale nokuba ndingumntu ophila nenkubazeko yesthombo. Omnye umyalezo endingathanda ukuwudlulisa kubantu bangaphili nenkubazeko, ndicela basihloniphe kuba singabantu nathi siyafana nabo kwaye akukho nzwana ingenenasiphako. Inkubazeko ayonto umntu aye azicelele, yinto umntu azalwa nayo okanye ngenxa yengozi nezifo esiphila nazo azibone umntu sele ekhubazekile.Masithandaneni, masixhasaneni, simanyane, sinikane uthando kubekho inzolo nentlonipho sizokwazi uqhubekeka nobom obu siphila kubo. Enkosi

Leave a Reply