Igama lam ndingu Bukiwe Mbutho. Ndazalwa ngo 1966/09/09 ndizalelwa e Mooiplaas e Sotho, ndaza ndakhulela e Silatsha ngenxa ye ngulo yam no Mama wam. Ibali lam lithi “Ndathi ndineminyaka emine yangathi ndihlatywe yinto apha elunyaweni. Hayke umama wam wehla esenyuka nam de sayotsho kwisibhedlele sase Kapa. Apho ke ndaye ndenziwa khona uqhaqho, ogqirha bathi yi Polio ndatyandwa ka sibhozo kujongwa umonakalo. Kuthe kusenjalo uMama wagula ngengqondo, sisebancinci ngelo xesha. Kuthe kusenjalo umama emana ukuhamba nathi. Owokuqala ndim kulandele umfana owesithathu yi ntombazana. Umama wayemana ukuhamba nathi ebeleke lo umncinci. Kwaye kwakho umntu owaqaphela ukuba lo umncinci akamboni esitya, kanti wasweleka kudala, saye sathathwa ke sasiwa kwenye ilali. Lo ungumfana waye wazimela wemka, ndashiyeka mna. Hayke mna andizange ndifunde kodwa ke ndaye ndasebenza kuba ndinengqondo yemveli.
Ndeza e Monti ngo 1988, zaqala ke imoto ukundidudla. Eyokuqala ngo 1989, eyesibini xa kuphela u 1989 eyesithathu ngo 1990 eyesine ngo 1998 kwinyanga yesihlanu nge 22, yeyona yandenzakalisayo ke leyo.
Ngo 1992 ndaqala I business, ndawa ndivuka ke kwade kwalapha. Ndandikunye ke nale Ntombi yam. Andizange ndakwazi ke ukuya eskolweni ngenxa yemeko. Abantwana bam babeba bini owokuqala waye ngumfana ka 1985, intombi ka 1995.
Lo ungumfana waye wahlaselwa ngo Tsotsi wasweleka kwangoko, ndashiyeka ke ndidandathekile.